Yintoni i-Crohn’s Disease?

I-Crohn’s disease yi-inflammatory bowel disease okanye i-IBD (ukukrala kwamathumbu).

I-Crohn’s ingachaphazela nayiphi na indawo apha esiswini ukuqala emlonyeni ukuya kuphuma ezimpundwini kodwa iqhele ukubandakanya le ndawo yokugqibela apha kula mathumbu mancinci, okanye iterminal ileum, kunye nobholobholo. I-Crohn’s idla ngokubandakanya iindawo ezinzulu apha esiswini neziye ziyinike amandla okubanakho ukubangela iintlobo ezithile zeefistula (iipaseji ezidibanisa iindawo), uhlobo oluthile lwesifo esigrumba imingxuma kwinwebu yamathumbu. Iifistula zingakho naphina esiswini xa uneCrohn’s disease kodwa zidla ngokuba kho apha ngasemngxunyeni weempundu (i-peri-anal fistula). Iintlungu zesisu, ukuhla kobunzima bomzimba, ukudinwa kunye nokutshintsha kwemikhwa yokuzithuma yeyona miqondiso iqhelekileyo yeCrohn’s disease.