Yintoni i-IBD?

I-inflammatory bowel disease okanye i-IBD (isifo sokukrala kwamathumbu), sisigulo esinganyangekiyo (sexesha elide) sokukrala komxokelelwano wokwetyisa (nekusenokubhekiswa kuwo njengesisu), esiphinda siqatsele nesiphinda sithi cwaka.

Ibangelwa yimfuza ekubeka esichengeni, ziintlobo zeentsholongwane zamathumbu ezisesiswini nokungasebenzi kakuhle komxokelelwano wamajoni omzimba wesisu udibene neqela lezinto eziwungqongileyo eziwuvuselelayo. I-IBD ineentlobo ezimbini zezigulo eziphawulekayo neziye ziyelelane ngamaxesha athile, iCrohn’s disease neulcerative colitis (iulcer/izilonda zangaphakathi). I-IBD ingachaphazela abantu nokuba badala kangakanani kodwa iye ibekho okokuqala kubantu abadala abasebatsha. I-IBD iya isanda ehlabathini liphela, kuquka naseMzantsi Afrika.