Yintoni imiqondiso ye-IBD?

Iimpawu ze-Inflammatory Bowel Disease zohlukile kwaye ukuqala kwesi sifo kungafika ngesiquphe okanye siqale kancinci ixesha elide.

Urhudo

Urhudo kwi-IBD lwahlukile kurhudo olwayanyaniswa nezigulo eziqhelekileyo ezifana nosuleleko lwesisu (lwevayirasi okanye lwebhaktheriya) okanye nokutyhefwa kukutya, izinto ezikhe zafunyanwa luninzi lwabantu, okanye urhudo olunokuba kho xa isisu sakho sinochuku. Urhudo kwi-IBD luhlala iiveki okanye iinyanga ngexesha, ludla ngokwanda okanye lunciphe, lutshintsha ngeentsuku ezintle nezimbi. Urhudo lusenokwenzeka, uphiswe kakhulu kube nzima ukuya kufika ethoyilethi (ukungakwazi ukuminca). Urhudo lusenokuba nelindle elinegazi, elinamatheketheke okanye ubofu. Urhudo olukuvusa rhoqo ulele isenokuba lolunye uphawu lwe-IBD.

Iintlungu zokulunywa sisisu

Zona zingaqatsela kakhulu kwaye zidla ngokuba kho emva kwesidlo okanye ngaphambi kokuba uzithume (utuwe).

Ukudinwa nokuthezeka

Oku kungabangelwa sisigulo ubuqu baso, yianemiya (ukungabi negazi elaneleyo) okanye kukungalali ukuba ubuthongo bakho buphazanyiswa ziintlungu okanye lurhudo

Ubushushu

Ubushushwana bomzimba ingaluphawu lwe-IBD.

Ukuphelelwa ngumdla wokutya okanye ukuhla emzimbeni

Ukuhla emzimbeni ngenxa yokuba umzimba ungafunxi izondlo ekutyeni okutyayo ngenxa yokukrala esiswini.

Abanye abantu abane-IBD, ingakumbi iCrohn’s, basenokuqalwa ziingxaki, kuquka:

Ukuxinana

Kwenzeka xa kukho ukukrala okungapheliyo kuze ukuphila okwenzekayo emathunjini kubangele izicwili ezilushica zeziva. Oku kungabangela ukuxinana kwecandelo elithile lamathumbu, ekuthiwa kukuxinana, nokunokubangela ukuvaleka kwethumbu okanye kukabholobholo.

Iifistula

Ziqhelekile kubantu abaneCrohn’s Disease. Ifistula yipaseji edaleka xa iCrohn’s disease “igrumba” inwebu yamathumbu okanye kabholobholo. Iifistula ziye zibekho emngxunyeni weempundu xa uneCrohn’s disease (iperi-anal fistula) zibangele iqhuma elibuhlungu okanye ithumba elinokuphuma incindi, ubofu okanye ilindle. Iifistula zisenokuba kho nasesikhumbeni (i-entero-cutaneous fistula) okanye zidibanise iluphu enye yamathumbu kwenye (i-internal fistula).

I-IBD inakho ngamanye amaxesha ukuchaphazela amanye amalungu omzimba. Oku kuthiwa kukuzibonakalisa kwe-IBD ngaphaya kwamathumbu, kwaye okuqhelekileyo kuquka:

Amalungu abuhlungu

Ukukrala kwamalungu, kudla ngokuthiwa sisifo samathambo (yi-arthritis), okuthetha ukuba ulwelo luyaqokelelana kwiijoyinti luze lubangele ukudumba okubuhlungu. Kudla ngokuchaphazela la malungu makhulu eengalo nemilenze, kuquka iingqiniba, izihlahla, amadolo kunye namaqatha.

Iintlungu zamazantsi omqolo

I-IBD ingoyanyaniswa nokukrala kwamazantsi omqolo kunye namanqe ekuthiwa yi-ankylosing spondylitis. Esi sigulo sibangela iintlungu nokuqina kwamazantsi omqolo.

Ukukrala kwamehlo

Esona sigulo samehlo sixhaphakileyo sichaphazela abantu abane-IBD yiepiscleritis, sichaphazela le ndawo isisicwili igquma isclera, le ndawo imhlophe igquma iliso, nethi ibe bomvu, iqaqambe kwaye ikrale.

Iingxaki zolusu

Iingxaki zolusu eziliqela zayanyaniswa ne-IBD kwaye ziquka amaqhunyana abomvu kumazantsi emilenze (ierythema nodosum) kunye nezilonda ezibuhlungu esikhumbeni (ipyoderma gangrensum), zezona zigulo zesikhumba zixhaphakileyo zayanyaniswa ne-IBD.